Ke kaloku ngaloo mihla kakumkani uJosiya ukumkani waseJiputa uNeko wanyuka waya kuncedisa ukumkani waseAsiriya ngakumlambo iEfrati. Ukumkani uJosiya waphuma nomkhosi wakhe wamhlangabeza. Kodwa ke uNeko lowo wagagana naye eMegido, wamosela wafa.