1. UJosiya waqalisa ukulawula eneminyaka esibhozo, waza walawula eJerusalem iminyaka emashumi mathathu ananye. Unina yayinguYedida intombi ka-Adaya waseBhozekati.
2. Ke yena wênza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo, ehamba ekhondweni likayise-mkhulu uDavide, enganxaxhi.
3. Ngonyaka wakhe weshumi elinesibhozo ukumkani uJosiya wathumela unobhala onguShafan unyana ka-Azaliya kaMeshulam endlwini kaNdikhoyo, wathi kuye:
4. “Yiya kumbingeleli omkhulu uHilekiya, utsho alungise laa mali ibiziswe endlwini kaNdikhoyo, leya ibiqokelelwe ngabagcini-mnyango ebantwini.
5. Yitsho bayigcinise kuloo madoda amiselwe ukongamela umsebenzi wendlu kaThixo. Loo madoda ke wona aze ahlawule abasebenzi abahlaziya indlu kaNdikhoyo:
6. abachweli, abakhi, neengcibi. Kananjalo mabathenge imithi namatye akroliweyo, ukuze kuhlaziywe indlu kaThixo.
7. Kambe ke ze bangenzi nkcukacha yangxelo ngaloo mali isezandleni zabo, kuba bangabantu abasebenza ngentembeko.”
8. UHilekiya umbingeleli omkhulu ke waxelela uShafan unobhala lowo, wathi: “Apha endlwini kaNdikhoyo ndifumene incwadi yomthetho.” Waza ke wamnika, ke yena uShafan wayifunda.