35. Ngokuya uNdikhoyo wayesenza umnqophiso namaSirayeli wayalela wathi: “Ze ningabanquli abanye oothixo; ze ningaguqi nibakhahlele, ningabakhonzi, ningabenzeli namadini.
36. Eniya kunqula yena nguNdikhoyo, yena wanikhululayo kwelaseJiputa ngaloo mandla obungangamsha bakhe angoyiswa nto. Nguye enifanele ukuguqa kuye, nimenzele amadini.
37. Ze nizithobele ngenyameko izimiso nemiyalelo yakhe, imithetho nemiqathango awanibhalela yona. Ze ninganquli thixo bambi ngaphandle kwakhe.
38. Umnqophiso endawenza kunye nani ze ningawulibali, ninganquli thixo bambi.
39. Kuphela nqulani uNdikhoyo uThixo wenu, kuba nguye yedwa oya kunihlangula kuzo zonke iintshaba zenu.”
40. Kambe ke zange baphulaphule, koko bayiqhubela phambili imikhwa yabo yemveli.
41. Aba bantu babesithi bemnqula nje uNdikhoyo, kodwa babe beyinqula nemifanekiso yabo eqingqiweyo. Unanamhla ke abantwana babo, nditsho nesizukulwana, basathene nca nezo ndlela zooyise-mkhulu.