2 Yookumkani 15:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwathi ngonyaka wamashumi amabini anesixhenxe uJerobhowam engukumkani kwaSirayeli, uAzariya unyana ka-Amaziya waqalisa ukulawula kwaJuda.

2. Ukungena kwakhe ebukhosini wayeneminyaka elishumi elinesithandathu, walawula eJerusalem iminyaka emashumi mahlanu anambini. Unina yayinguYekoliya, intombi yaseJerusalem.

3. UAzariya wĂȘnza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo njengoko wenzayo uyise uAmaziya.

4. Ke zona iindawo eziphakamileyo zonqulo zange zibhangiswe; abantu baqhubela phambili besenza amadini neziqhumiso apho kuzo.

5. Ukumkani lowo ke wabandezelwa *ngeqhenqa nguNdikhoyo, sifo eso samthi nca wada wasweleka, ehlala endlwini yakhe yedwa. Ke uYotam, unyana kakumkani lowo, yaba nguye olawulayo apho komkhulu, inguye nophicotha imicimbi yabantu jikele.

2 Yookumkani 15