1. Kwathi ke ngonyaka wesibini wolawulo lukaYehowashe unyana kaYowahazi ukumkani wakwaSirayeli, waqalisa ukulawula kwaJuda uAmaziya unyana kaYowashe.
2. Ukuqala kwakhe ukulawula wayeneminyaka emashumi mabini anantlanu, waza ke walawula eJerusalem iminyaka emashumi mabini anethoba. Unina yayinguYowadan intombi yaseJerusalem.
3. Ke yena wenza okulungileyo emehlweni kaNdikhoyo, kodwa akafika kwinqanaba likaDavide uyise. Kuko konke walandela ikhondo likayise uYehowashe.
4. Iindawo eziphakamileyo zonqulo zange zibhangiswe; abantu baqhubela phambili, banikela amadini, besenza neziqhumiso khona.
5. Wathi wakuba umilile umbuso wakhe wawabulala loo maphakathi ayebulele uyise.
6. Kambe ke akababulalanga oonyana bababulali abo, ngokwelizwi elibhaliweyo encwadini yomthetho kaMosis, apho uNdikhoyo athi: “Abazali abayi kubulawa ngenxa yabantwana, nabantwana abayi kubulawa ngenxa yabazali; umntu ngamnye uya kufela esakhe isono.”