Umbingeleli uJoyada wayalela iingqwayi-ngqwayi zamabutho omkhosi, wathi: “Mthatheni nimkhuphe phakathi kwamabutho; nabani na omlandelayo nimbulale ngekrele.” Kaloku umbingeleli wayesithi: “Makangabulawelwa endlwini kaNdikhoyo.”