2 Yookumkani 1:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku emva kokusweleka kukakumkani uAhabhi, amaMowabhi amvukela uSirayeli.

2. Ke yena uAhaziya wawa efestileni yegumbi eliphezulu lendlu yakhe eSamariya, waza wenzakala. Ngoko ke wathuma abathunywa, esithi kubo: “Hambani niye kubuzisa kuBhali-zabhubhe, uthixo wase-Ekron, ukuba ngaba ndophila na kule ngozi indihleleyo.”

3. Kambe ke isithunywa *sikaNdikhoyo sathetha noEliya waseTishbhi, sathi: “Hamba uhlangabeze abaya bathunywa bokumkani waseSamariya, uthi kubo: ‘Ngaba kungenxa yokuba engekho na uThixo kwaSirayeli le nto niya kubuzisa kuBhali-zabhube isithixo sase-Ekron?’

4. Naku ke akuthethayo uNdikhoyo: ‘Akusayi kuvuka kuloo mandlalo ulele kuwo; uza kufa!’ ” Waza ke waya uEliya.

5. Bakubuya ke abathunywa abo, wabuza wathi ukumkani: “Ngani ukuba nijike?”

6. Baphendula ke bona bathi: “Sidibene nomfo othile, wathi masibuyele kuwe, kumkani, sikuxelele sithi: ‘UNdikhoyo uthi: Ngaba kungenxa yokuba kungekho Thixo kwaSirayeli, le nto uhamba uye kubuzisa kuBhali-zabhubhe isithixo sase-Ekron?’ Ewe, uthi: ‘Akusayi kuvuka kuloo mandlalo ulele kuwo; uza kufa.’ ”

7. Ukumkani wathi: “Yayingumfo oluhlobo luni na lowo nidibene naye waza wathetha loo mazwi kuni?”

8. Abathunywa bathi: “Ibingumfo onomnweba owenziwe ngesikhumba esinoboya, ebhinqe ngethwathwa esinqeni.”Ukumkani wathi: “NguEliya waseTishbhi lowo.”

2 Yookumkani 1