1. Ke kaloku ekupheleni kwamashumi amabini eminyaka, xesha elo walithathayo uSolomon ekwakheni kwakhe indlu kaNdikhoyo kunye nebhotwe lakhe,
2. uSolomon wazihlaziya iidolophu awayeziphiwe nguHiram, waza ke wamisa amaSirayeli kuzo.
3. USolomon waya kuhlasela iHamati-zobha wayithimba.
4. Kananjalo wayakha iTademore entlango phaya, ndawonye nazo zonke izixeko ezingoovimba awazimisa eHamati.
5. Wayihlaziya neBhete-horon ephezulu ndawonye naleyo isezantsi, wazenza iinqaba ezibiyelweyo ngeendonga ezinamasango nemivalo,
6. kwakunye neBhalati nazo zonke izixeko zakhe ezingoovimba, nezixeko zeenqwelo kunye nezamahashe akhe, nayo nantoni na awayakhayo eJerusalem naseLebhanon, ukanti nakuwo wonke ummandla awayewulawula.
7. Bekukho abantu ababesele kwiintlanga zamaHiti, ama-Amori, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi. Ezi ntlanga ke zazingengawo amaSirayeli,