2 Yeziganeko 7:20-22 Ibhayibhile (XHO96)

20. mna ndomncothula uSirayeli kweli lizwe lam ndamnika lona, nale ndlu ndiyingcwalisele igama lam ndoyilahla. Ewe, ndiya kuyenza undaba-mlonyeni, ibe sisigculelo kuzo zonke izizwe.

21. Ewe, ingade ibe ngoku inomtsalane le ndlu, kodwa bonke abadlula kuyo baya kumangaliseka, bathi: ‘Ngani ukuba uNdikhoyo enze into enje kweli lizwe nakule ndlu?’

22. Bophendula ke abantu bathi: ‘Kungenxa yokuba aba bantu besuke bamfulathela uNdikhoyo uThixo wooyise, lowo wabakhupha eJiputa. Basuke baqhogana nathixo bambi, bababusa babanqula. Kungenxa yeso sizathu ke ebathobele esi sithwakumbe nje.’ ”

2 Yeziganeko 7