13. “Ngoko ke kuya kuthi xa ndithe ndawavala amazulu akwabikho mvula, okanye xa ndithe ndathumela iinkumbi zalivikiva eli lizwe, mhlawumbi xa ndithe ndathumela ubhubhani wesifo phakathi kwabantu bam,
14. ukuba abantu bam abo babizwa ngegama lam bathe bazithoba bathandaza bendikhunga befuna ubuso bam, bazilahla iindlela zabo ezikhohlakeleyo, ke mna ndiya kubaphulaphula ndibeve ndisezulwini, ndisixolele isono sabo, ndilinyange ilizwe labo.
15. Ewe, amehlo am aya kuhlala ejongile, neendlebe zam ndihlale ndizibazele imithandazo eyenziwa kule ndawo.
16. Le ndlu ndiyinyule ndayingcwalisa ukuze igama lam lihlale apha kuyo ngonaphakade. Intliziyo yam namehlo am ohla ekule ndawo.
17. “Ke wena ukuba uthe wahamba phambi kwam njengoyihlo uDavide, xa uthe wakwenza konke endikuyalela kona, wayigqala imimiselo nemithetho yam,
18. ndiya kubuzinzisa ubukhosi bakho njengoko ndandinqophisene noyihlo uDavide ngokuya ndandisithi: ‘Akusoze ungabi nayo indoda engumlawuli kwaSirayeli.’
19. “Kambe ke ukuba nithe nayijikela nayilahla imimiselo nemiyalelo endininike yona, naphamba naya kukhonza ninqula thixo bambi,
20. mna ndomncothula uSirayeli kweli lizwe lam ndamnika lona, nale ndlu ndiyingcwalisele igama lam ndoyilahla. Ewe, ndiya kuyenza undaba-mlonyeni, ibe sisigculelo kuzo zonke izizwe.
21. Ewe, ingade ibe ngoku inomtsalane le ndlu, kodwa bonke abadlula kuyo baya kumangaliseka, bathi: ‘Ngani ukuba uNdikhoyo enze into enje kweli lizwe nakule ndlu?’
22. Bophendula ke abantu bathi: ‘Kungenxa yokuba aba bantu besuke bamfulathela uNdikhoyo uThixo wooyise, lowo wabakhupha eJiputa. Basuke baqhogana nathixo bambi, bababusa babanqula. Kungenxa yeso sizathu ke ebathobele esi sithwakumbe nje.’ ”