15. Ngoku ke usigcinile isithembiso sakho kwisicaka sakho uDavide ubawo. Wathembisa ngomlomo wakho; kunamhlanje-nje ke ufezekisile ngesandla sakho.
16. “Nangoku ke, Ndikhoyo, Thixo kaSirayeli, isicaka sakho uDavide ubawo khawumgcinele ezo zithembiso wamenzela zona usithi: ‘Akusoze ungabi nayo indoda yokuchopha phambi kwam kwisihlalo sokulawula sakwaSirayeli, ukuba kodwa oonyana bakho bathe bakunyamekela ngandlela zonke ukuhamba phambi kwam ngokomthetho wam njengawe lo.’
17. Ewe, nangoku, Ndikhoyo, Thixo kaSirayeli, ilizwi owalithethayo uthembisa isicaka sakho uDavide malifezeke.