1. Uthe ke wakufezeka loo msebenzi uSolomon awayewenzela indlu kaNdikhoyo, wazithatha zonke ezo zinto zazinikezelwe nguyise uDavide (isiliva, igolide, nazo zonke ezinye izinto zokusebenza) waza ke wazifaka koovimba bendlu kaThixo.
2. Ke kaloku uSolomon wawabizela eJerusalem onke amadoda amakhulu akwaSirayeli, bonke abaziintloko zezizwe, namadoda aziinkulu zezindlu zamaSirayeli, ukuze aye kuthatha ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo eZiyon isixeko sikaDavide.
3. Onke ke amadoda akwaSirayeli aqokelelana kukumkani ngexesha lombhiyozo kwinyanga yesixhenxe.
4. Athe ke akuphelela amadoda amakhulu akwaSirayeli, abaLevi bayithatha ityesi,
5. kunye nentente yesibingelelo, nazo zonke izinto ezingcwele ezazikuyo. Ababingeleli ababengabaLevi bazithwala ezo zinto.
6. Ke yena ukumkani uSolomon nalo lonke ibandla likaSirayeli elaliqokelelene kuye babemi phambi kwetyesi besenza amadini ngeegusha neenkomo ezininzi, ziyinyambalala engenakubalwa.
7. Ababingeleli ke bayithatha ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo, bayisa endaweni yayo kwigumbi elingaphakathi endlwini kaThixo – ingcwele kangcwele – bayibeka phantsi kwamaphiko ezo *zithunywa zimaphiko.
8. Izithunywa ezo ke zawathi naa loo maphiko azo, zayigquma loo ndawo yayikuyo ityesi ndawonye namanqwanqwa okuyiphatha.
9. La manqwanqwa ke ayemade ngangokuba zazibonakala iziphetho zawo kumntu ophambi kwegumbi elingaphakathi, kodwa ke zingabonakali kongaphandle kweyona ndawo ingcwele. Aselapho ke unanamhlanje.