2 Yeziganeko 17:16-19 Ibhayibhile (XHO96)

16. kuze uAmasiya unyana kaZikri owazinikezela ngokwakhe ukusebenzela uNdikhoyo enamajoni angamawaka angamakhulu amabini.

17. KwaBhenjamin:uEliyada, igorha lomfo owayenamajoni axhobe ngeentolo namakhaka – amawaka angamakhulu amabini;

18. kulandele uYozabhadi enamajoni axhobele imfazwe alikhulu elinamashumi asibhozo lamawaka.

19. La ke ngamadoda awayesebenzela ukumkani, ngaphandle kwalawo awayehlaliswa kwizixeko ezinqatyisiweyo kulo lonke elakwaJuda.

2 Yeziganeko 17