3. “Thetha noRehobhowam unyana kaSolomon ukumkani wakwaJuda namaSirayeli onke kwaJuda nakwaBhenjamin, uthi:
4. ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Musani ukuya kulwa namawenu. Godukani nonke ngabanye, kuba le nto yenziwe ndim.’ ” Ngoko ke bawathobela amazwi kaNdikhoyo, babuya ekuhlaseleni uJerobhowam.
5. URehobhowam wema eJerusalem, waza wazihlaziya wazakha iidolophu ezithile ukukhusela uJuda.
6. Wahlaziya iBhetelehem, iEtam, iTekowa,
7. iBhete-zure, iSoko, iAdulam,
8. iGati, iMeresha, iZifi,