2 Kwabasetesalonika 1:6-9 Ibhayibhile (XHO96)

6. Kulunge kanye ukuba uThixo asiphindezelele, abavise iinzingo abo banicinezelayo,

7. aze kuni nina nitsala nzima, nakuthi, enze kube hele, kube chosi. Loo nto woyenza mhla ifika iNkosi yethu uYesu Krestu, ivela emazulwini, ingqongwe zizithunywa zayo ezinamandla,

8. nangamadangatye omlilo. Abo bangamvumiyo uThixo yobagweba, kwanabo bangazithobeliyo iindaba ezimnandi zeNkosi yethu uYesu.

9. Baya kohlwaywa ngentshabalalo yangonaphakade, basuswe phambi kweNkosi, basikwe kubuncwane bewonga layo.

2 Kwabasetesalonika 1