2 Kwabasekorinte 8:9-19 Ibhayibhile (XHO96)

9. Kaloku niyasazi isisa seNkosi yethu uYesu Krestu; nangona wayesisityebi, kodwa wazenza ihlwempu ngenxa yenu, ukuze nina nibe zizityebi ngobuhlwempu bakhe.

10. Nalu uluvo lwam kulo mcimbi: kubhetele ukuba niyigqibe ngoku loo nto nayiqala kunyaka ophelileyo. Anibanga ngabokuqala nje ekwenzeni kuphela, kodwa naba ngabokuqala nasekuboniseni ulangazelelo lokwenza.

11. Ngoko ke ndithi: Phambili, nide niwufeze umsebenzi! Njengokuba nazimisela kwasekusungulweni kwawo, zimiseleni nide niwugqibe, ninikele kangangoko ninako.

12. Ukuba ninolangazelelo, uThixo uyawamkela umnikelo wenu. Kaloku uThixo ufuna umntu aphe ngokobungakanani bezinto anazo, ingebubo obezinto angenazo.

15. njengoko *neziBhalo zisitsho ukuthi:“Lowo ubuthe kakhulu akagqithisanga,nalowo ubuthe kancinci wanele.”

16. Ndiyambulela uThixo ngokwenza uTito abe nomdla kuni njengam.

17. Akanelanga kusamkela nje isicelo sam, koko usuke wabonakalisa umdla ngangokude agqibe ngokwakhe ukuba uyeza kuni.

18. Uza kukhatshwa ngomnye umwethu oxatyiswe kakhulu ngamabandla ngenxa yokuzishumayela kwakhe iindaba ezimnandi.

19. Ngaphezu koko wanyulwa, wamiselwa ngamabandla ukuba ajikeleze kunye nam kweli phulo lothando sidumisa ngalo iNkosi nesiwubonakalisa ngalo umdla wethu wokunceda.

2 Kwabasekorinte 8