2 Kwabasekorinte 8:10-24 Ibhayibhile (XHO96)

10. Nalu uluvo lwam kulo mcimbi: kubhetele ukuba niyigqibe ngoku loo nto nayiqala kunyaka ophelileyo. Anibanga ngabokuqala nje ekwenzeni kuphela, kodwa naba ngabokuqala nasekuboniseni ulangazelelo lokwenza.

11. Ngoko ke ndithi: Phambili, nide niwufeze umsebenzi! Njengokuba nazimisela kwasekusungulweni kwawo, zimiseleni nide niwugqibe, ninikele kangangoko ninako.

12. Ukuba ninolangazelelo, uThixo uyawamkela umnikelo wenu. Kaloku uThixo ufuna umntu aphe ngokobungakanani bezinto anazo, ingebubo obezinto angenazo.

13-14. Andizami kuphungulela kuni umthwalo weengxaki zabanye, ngokunithwalisa umthwalo wabo. Kodwa njengoko nina nimi kakuhle ngoku, kulungile ukuba nibancede abo basweleyo, khon' ukuze xa nani nisweleyo banincede nabo. Ngale ndlela ke noba niphathana ngokufanayo,

15. njengoko *neziBhalo zisitsho ukuthi:“Lowo ubuthe kakhulu akagqithisanga,nalowo ubuthe kancinci wanele.”

16. Ndiyambulela uThixo ngokwenza uTito abe nomdla kuni njengam.

17. Akanelanga kusamkela nje isicelo sam, koko usuke wabonakalisa umdla ngangokude agqibe ngokwakhe ukuba uyeza kuni.

18. Uza kukhatshwa ngomnye umwethu oxatyiswe kakhulu ngamabandla ngenxa yokuzishumayela kwakhe iindaba ezimnandi.

19. Ngaphezu koko wanyulwa, wamiselwa ngamabandla ukuba ajikeleze kunye nam kweli phulo lothando sidumisa ngalo iNkosi nesiwubonakalisa ngalo umdla wethu wokunceda.

20. Ndizamela ukuba kungabikho gxeke ngendlela endiwuphethe ngayo lo mcimbi weli phulo lingaka.

21. Injongo yam kukuba ndingathembeki kuThixo kuphela, koko ndithenjwe nangabantu.

22. Yiyo ke le nto ndimthuma kuni kunye nabanye. Yena ubesekuvavanyweni amaxesha ngamaxesha, ndamfumana enomdla ekuncediseni. Nanjengoko ekholisekile nini, usuke wanomdla ngakumbi ngoku.

23. UTito yena ngumlingane endisebenza naye ekuncediseni nina. Amanye ke amakholwa ahamba naye, amele amabandla, eludumo kuKrestu.

24. Bamkeleni ke ngezandla ezishushu, nibabelezele, ukuze onke amabandla aqonde ukuba bendingathethi nje xa bendiqhayisa ngani.

2 Kwabasekorinte 8