1. Ndithanda ukunazisa, mawethu, ngendlela esisebenze ngayo isisa sikaThixo kumabandla aseMakedoni.
2. Balingeke ngokugqithisileyo, iinkathazo zibavela ngapha nangapha; kodwa naxa kunjalo, babenochulumacho olukwangako, baza banikela ngezandla ezingenamkhinkqi, nangona bona ngokwabo beswele.
3. Ndiyaniqinisekisa ukuba banikele kangangoko babenako. Enyanisweni banikele nangaphezu kokuba benako, ngokuqhutywa ziintliziyo zabo.
4. Bandincekelele bendicenga, befuna ukuba nenxaxheba kwilungelo lokupha abantu bakaThixo bakwaJuda.
5. Banikele nangaphezu kokuba bendilindele mna! Baqale ngokunikela iziqu zabo eNkosini; baza ngokuvuma kukaThixo bazinikela bona ngokwabo nakum.
6. Ngoko ke ndimcelile uTito, yena wawuqalayo lo msebenzi, ukuba awuqhube anincedise nide nilifeze eli phulo lomsebenzi wothando.
7. Niphuphuma izinto zonke: ukholo, ukuthetha, nolwazi, ngolangazelelo eninalo lokunceda, kwanothando enisithanda ngalo. Ngoko ke ndingavuya xa ninokubonakalisa izinwe zenu kweli phulo lothando.
8. Andinibekeli mthetho; nto nje ngokunikhuthaza ngomzekelo wabanye abantu, ndizama ukulola olwenu uthando.
9. Kaloku niyasazi isisa seNkosi yethu uYesu Krestu; nangona wayesisityebi, kodwa wazenza ihlwempu ngenxa yenu, ukuze nina nibe zizityebi ngobuhlwempu bakhe.
10. Nalu uluvo lwam kulo mcimbi: kubhetele ukuba niyigqibe ngoku loo nto nayiqala kunyaka ophelileyo. Anibanga ngabokuqala nje ekwenzeni kuphela, kodwa naba ngabokuqala nasekuboniseni ulangazelelo lokwenza.
11. Ngoko ke ndithi: Phambili, nide niwufeze umsebenzi! Njengokuba nazimisela kwasekusungulweni kwawo, zimiseleni nide niwugqibe, ninikele kangangoko ninako.
12. Ukuba ninolangazelelo, uThixo uyawamkela umnikelo wenu. Kaloku uThixo ufuna umntu aphe ngokobungakanani bezinto anazo, ingebubo obezinto angenazo.