2 Kwabasekorinte 4:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngoko ke uThixo ngenceba yakhe usinike ubizo lokumsebenzela; yiyo loo nto ke singethi mandla.

2. Ngapha koko sisuka siyilahle imikhwa elihlazo, sibutyeshele ubuqhetseba, nelizwi likaThixo singaligqwethi. Koko sisuka siziyaleze ngokuthetha inyaniso, singafihlisi, kumntu wonke onesazela. Senjenjalo ke phambi koThixo.

3. Kaloku ukuba iindaba ezimnandi esizishumayelayo azicacanga, koba azicacanga kuphela kwabo baya kwantshabalalo.

4. Bona àbakholwa kaloku, kuba ingqiqo yabo yenziwe mfiliba sisigqubuthelo abasifakwe ngulo uzenza uthixo weli phakade. Silisithile kaloku esi sigqubuthelo ilitha lokukhanya kweendaba ezimnandi ezivakalisa isidima sikaKrestu, ongumceph' ucandiwe noThixo.

5. Kakade asishumayeli thina ziqu; sishumayela ukuba uKrestu yiNkosi; thina ke sizizicaka zenu ngenxa yakhe.

6. UThixo owathi: “Makuvele ukukhanya ebumnyameni,” usekwanguye okhanyisela iingqondo zethu, etyhila ukwaziwa kobume bakhe obubonakala kuKrestu siqu.

7. Kambe ke obu butyebi sibuphethe ngezitya zodongwe, ukuze kucace ukuba amandla ancamisayo ngakaThixo, akangowethu.

8. Ke, sithi sisezimbandezelweni zingasixini noko; sithingaze maxa wambi, kodwa singancami;

9. singqingwe ziintshaba, kodwa asize singabi namhlobo; sintlithwa kanobom, singafi noko.

2 Kwabasekorinte 4