2 Kwabasekorinte 11:6-19 Ibhayibhile (XHO96)

6. Kungenzeka ukuba andilociko ekuthetheni, kodwa ke ndinalo lona ulwazi. Iye yacaca le nto kuni amaxesha ngamaxesha naphantsi kweemeko ngeemeko.

7. Ngokuya ndandinishumayeza iindaba ezimnandi zikaThixo zange ndinihlawulise nento le; ndazithoba mna ukuze nizimaseke nina. Ngaba ndona ngokwenjenjalo?

8. Ngokuya ndandisebenza phakathi kwenu ndandibonelelwa ngamanye amabandla. Ngenye indlela ndandiwaqhatha ukuze ndincede nina.

9. Ngelo xesha ndandinani andizange ndinikhathaze ngakufuna nto kuni xa ndandiswele imali. Amakholwa awayevela eMakedoni andiphathela yonke into endandiyiswele. Njengakwixesha elidlulileyo, koba njalo nakwelizayo: andisoze ndibe ngumthwalo kuni!

10. Ndithetha ndingokaKrestu nje, eli qhayiya ndinalo lokuba ndingengomthwalo kuni aliyi kunqandwa bani kulo lonke elaseAkaya.

11. Ndiyithethiswa yintoni ke le nto? Ngaba kungenxa yokuba ndinganithandi? UThixo uyazi ukuba ndiyanithanda!

12. Ndiya kuqhubela phambili ndisenza le nto ndiyenzayo, ukuze ndibavalele abo bathunywa babo bangabi nandlela yakuqhayisa, besithi benza kwalo msebenzi ndiwenzayo.

13. Loo madoda ayingobathunywa – angoosinga-bathunywa; azithethelela ngobuqhetseba, azenze akhangeleke ngathi angabathunywa bakaKrestu ngenene.

14. Ayimangalisi loo nto, kuba noSathana ngokwakhe uzenza akhangeleke ngathi sisithunywa sokukhanya.

15. Ngoko ke yinto elula ukuba izicaka zakhe zizenze zikhangeleke njengezicaka zikaThixo. Kodwa ke baya kuvuna loo nto bayihlwayeleyo.

16. Kwakhona ndithi makungabikho bani uba ndisisidenge. Kodwa ukuba nithi ndisisidenge, ze nindinyamezele ke njengesidenge, oku kokuba ndifumane ithutyana lokuqhayisa.

17. Ngenene le nto ndiyithethayo ngoku andiyithunywanga yiNkosi. Kulo mbandela wokuqhayisa ndithetha njengesidenge mpela.

18. Kodwa ke ngenxa yokuba bebaninzi kangaka nje abaqhayisa ngamabakala eli hlabathi, nam ndiya kwenjenjalo.

19. Nakuba nina nilumke kangaka nje niyakuthakazelela kodwa ukunyamezela izidenge!

2 Kwabasekorinte 11