2 Kwabasekorinte 11:28-33 Ibhayibhile (XHO96)

28. Ndingasazibaluli ke ezinye izinto, ndinoxanduva endisoloko ndinalo mihla le: ixhala lokuzondelela inkqubela kuwo onke amabandla.

29. Xa kukho obuthathaka, nam ndiba buthathaka; ukuba kukho owe esonweni, ndiyakhathazeka.

30. Xa kuyimfuneko ukuba ndiqhayise, ndiya kuqhayisa ngezo zinto zibonakalisa ubuthathaka bam.

31. UThixo uYise weNkosi uYesu – malidunyiswe igama lakhe njalo-njalo – uyazi ukuba andixoki.

32. Xa ndandiseDamasko irhuluneli ephantsi kokumkani uAreta yabeka abalindi emasangweni edolophu ukuze bandibambe.

33. Kodwa ndathotywa ngebhaskiti kwikroba elaliseludongeni, ndasinda ke.

2 Kwabasekorinte 11