3. Makabongwe uThixo, uyise weNkosi yethu uYesu Krestu, uBawo uSozinceba, uThixo umthombo wentuthuzelo.
4. Yena uyasithuthuzela ezimbandezelweni zethu zonke, ukuze nathi sikwazi ukubathuthuzela abanye kwangaloo ntuthuzelo ivela kuye.
5. Njengoko ziphuphumela kuthi iimbandezelo zikaKrestu, ngokunjalo ke, kwangaye uKrestu, iphuphumela kuni nentuthuzelo yethu.
6. Xa sukuba thina sisiva ubunzima, loo nto ibangela ukuba nikhuthale, nto leyo iphelela elusindisweni. Naxa sukuba thina sithuthuzelwa, siyancedwa ukuze sikwazi ukunithuthuzela, khon' ukuze nizithwale ngomonde iimbandezelo ezifana nezethu.
7. Ithemba lethu ngani aligungqi, kuba siyazi ukuba njengoko nidlelana nathi nje ngeembandezelo, nikwadlelana nathi nangothuthuzelo esilufumana kuThixo.
8. Mawethu, sifuna niziqonde into eziyiyo iinzima esazifumana kwiphondo laseAsiya. Sasithwele ubunzima apho, sada saphants' ukulilahla ithemba lokuphila.
9. Sasesilibona lijinga phezu kwethu ithunzi lokufa. Loo nto yasifundisa ukuthembela kuThixo ovusa abafileyo, singazithembi thina.
10. Wasikhulula kwezo ngxingongo zokufa, yaye usasikhulula nangoku. Ewe, aligungqi ithemba lethu lokuba usaza kusikhulula nangomso,
11. njengoko nani nisixhasa ngokusithandazela. Ngoko ke ngenxa yobuninzi babantu abasithandazelayo, boba baninzi nabambulelayo uThixo ngenxa yesisa sakhe kuthi.
12. Ibhongo lethu linye ngani: lelokuba asinasazela nganto ngokuziphatha kwethu phakathi kwabantu behlabathi, ingakumbi ke phakathi kwenu. Besinyanisekile, singahanahanisi. Besingenamaqhinga, koko besilawulwa sisisa sikaThixo.
13. Sinibhalela ezo zinto ninokuzifunda niziqonde. Kwaye ke ngumnqweno wam ukuba ezi zinto niziqonda nganxanye
14. nide niziqonde ngokupheleleyo. Kaloku noba nebhongo ngathi kwanjengoko nathi siya kuba nebhongo ngani ngeMini yeNkosi uYesu.