2 Kwabasekorinte 1:21-22-24 Ibhayibhile (XHO96)

3. Makabongwe uThixo, uyise weNkosi yethu uYesu Krestu, uBawo uSozinceba, uThixo umthombo wentuthuzelo.

4. Yena uyasithuthuzela ezimbandezelweni zethu zonke, ukuze nathi sikwazi ukubathuthuzela abanye kwangaloo ntuthuzelo ivela kuye.

5. Njengoko ziphuphumela kuthi iimbandezelo zikaKrestu, ngokunjalo ke, kwangaye uKrestu, iphuphumela kuni nentuthuzelo yethu.

6. Xa sukuba thina sisiva ubunzima, loo nto ibangela ukuba nikhuthale, nto leyo iphelela elusindisweni. Naxa sukuba thina sithuthuzelwa, siyancedwa ukuze sikwazi ukunithuthuzela, khon' ukuze nizithwale ngomonde iimbandezelo ezifana nezethu.

7. Ithemba lethu ngani aligungqi, kuba siyazi ukuba njengoko nidlelana nathi nje ngeembandezelo, nikwadlelana nathi nangothuthuzelo esilufumana kuThixo.

8. Mawethu, sifuna niziqonde into eziyiyo iinzima esazifumana kwiphondo laseAsiya. Sasithwele ubunzima apho, sada saphants' ukulilahla ithemba lokuphila.

9. Sasesilibona lijinga phezu kwethu ithunzi lokufa. Loo nto yasifundisa ukuthembela kuThixo ovusa abafileyo, singazithembi thina.

21-22. NguThixo osizimasileyo thina nani ngokusimanya noKrestu. Ewe, nguThixo ngokwakhe osiphawuleyo wasithambisa ngoMoya oyiNgcwele ohleli kuthi osisiqinisekiso sezinto ezizayo.

23. UThixo uyandingqinela ukuba isizathu sokuba ndingezi eKorinte yayikukwazelelela nina.

24. Andifuni ukunintlokothisa elukholweni. Ndiyasebenzisana nani ukuze nonwabe, lube ke phofu nokholo lwenu aluhexi.

2 Kwabasekorinte 1