1. Ndiyakuyala phambi koThixo noYesu Krestu oza kugweba abahleliyo nabafileyo, xa afikayo eze kulawula.
2. Lushumayele udaba, zingisa ukuluvakalisa ngamathuba alungileyo naxakileyo. Baqononondise abantu, ukhalime, ubakhuthaze, ufundisa ngomonde.
3. Liyeza lona ixesha lokuba abantu banganeliswa konke yimfundiso emsulwa. Bosuka balandele iingqiqo zabo, bazifunele abafundisi abaninzi bokubafundisa izinto abazilangazelelayo.
4. Baya kuyifulathela inyaniso, baphulaphule iintsomi.
5. Kodwa ke wena zola; ngamaxesha onke hlala ugcisile. Khalipha xa kunzima. Iindaba ezimnandi zihambise, uzenze zonke iimfanelo zobizo lwakho.