2 Kasamweli 24:8-11 Ibhayibhile (XHO96)

8. Babuyela eJerusalem emva kweenyanga ezilithoba namashumi amabini eentsuku, sele belityhutyhile lonke elo lizwe.

9. UJowabhi ke wamchazela ukumkani inani lamadoda akulungeleyo ukubhaliswa emkhosini. KwaSirayeli yaba ngamakhulu asibhozo amawaka amadoda akwaziyo ukusebenzisa ikrele, kwaza kwaJuda yaba ngamakhulu amahlanu amawaka.

10. Kusuke kwathi akuba elwenzile olo balo uDavide wangenwa kukuba nomva-ndedwa. Waza ke wazibika kuNdikhoyo wathi: “Ndenze into embi gqitha ngesi senzo, Ndikhoyo. Ngoko ke ndiyakubongoza, bususe ubutyala bam, mna sicaka sakho. Ndenze into yobutyhakala.”

11. Ekuvukeni kukaDavide ngentsasa elandelayo ilizwi likaNdikhoyo laliselifikile *kumshumayeli uGadi, imboni kaDavide, lisithi:

2 Kasamweli 24