2 Kasamweli 23:28-39 Ibhayibhile (XHO96)

28. uZalmon waseAhoyi,kwakunye noMaharayi waseNetofa,

29. uHelebhe unyana kaBhana waseNetofa,noItayi unyana kaRibhayi waseGibheya kwaBhenjamin.

30. Wayelapho uBhenaya wasePiraton,uHidayi wamaxandeka aseGahashe,

31. kunye noAbhiyalebhon waseBhete-arabha,uAzemavete waseBhawurim,

32. noEliyabha waseShalebhon.Zazilapho iinto zikaYashene,noJonatan

33. unyana kaShama waseHarari,kunye noAhiyam unyana kaSharare waseHarari,

34. uElifelete, unyana ka-Ahasebhayi waseMahaka,uEliyam unyana ka-Ahitofele waseGilo,

35. uHezero waseKarmele,uParayi waseArbhi,

36. uIgali unyana kaNatan waseZobha,uBhani wakwaGadi,

37. uZeleki umAmon,noNaharayi waseBheroti umphathi-zikrweqe zikaJowabhi, unyana kaZeruya.

38. Wayelapho uIra waseItri,noGarebhe waseItri,

39. kunye noUriya umHeti.Babengamashumi mathathu anesixhenxe xa bebonke.

2 Kasamweli 23