2 Kasamweli 22:5-25 Ibhayibhile (XHO96)

5. Bendintlithwa ngamaza abulalayo,amaza arhaxayo endigubungele.

6. Ukufa bekundirhangqile,ingcwaba selivuleke lithe ng'aa.

7. Ndazibika kuNdikhoyo ndikuloo ngxingongo;ewe, ndabiza kuThixo wam.Wandiva engqendeve kwibhotwe lakhe,savakala kuye isikhalo sam.

8. Suka wagungqa wanyikima umhlaba,isibhakabhaka sangcangcazela,kuba uThixo wayenomsindo.

9. Kwathi phoko umsi emathatheni akhe,walephuza amadangatye ngomlomo,kuliqika amalahle avuthayo.

10. Wasikrazula isibhakabhakawehla engqendeve phezu kwelifu elimnyama.

11. Wandanda ngenqwelo *yezithunyw' ezimaphiko,itshebeleza ngesantya emoyeni.

12. Wayethiwe gqume sisithokothoko,kumnyama thsu;engqingwe ziingqimba zamafu anemvula,

13. kutshawuza imibane ngaphambi kwakhe,kunga kuvutha amalahle.

14. Wazongoma esibhakabhakeni uNdikhoyo,lavakala ilizwi loPhezukonke.

15. Wadubula ngeentolo zakhe,zee qhu saa iintshaba,eziswantsulisa ngokugqekreza kwemibane.

16. Watsho zoma qoko iilwandle,kwatsho kwavela nezisekelo zelizwe,akukhalima yena uNdikhoyo,egragramela iintshaba enomsindo.

17. Wehla, wandithi hlasi uNdikhoyo,wandihlangula kumanzi enzonzobila.

18. Wandihlangula kwiintshaba zamnakwabo bandichasayo, bendivuyelela.

19. Bandihlasela ndisengxingweni,wandikhusela yena uNdikhoyo.

20. Wandihlangula ndisengozini,wandisindisa kuba ekholisekile ndim.

21. Wandivuza uNdikhoyo kuba ndandilungisa;wandithamsanqela kuba ndimsulwa.

22. Umthetho kaNdikhoyo ndiyawuthobela;andimfulathelanga uThixo wam.

23. Yonke imiyalelo yakhe ndiyigcinile;andayaphula imithetho yakhe.

24. Uyandazi ukuba andonanga;ndiyazilumla ekwenzeni ububi.

25. Ngoko ke uyandivuza kuba ndisenza okulungileyo;uyandivuza kuba akukho sikhwa kum.

2 Kasamweli 22