2 Kasamweli 22:46-50 Ibhayibhile (XHO96)

46. Baphuma kwiinqaba zabo begubha,bephelelwe sisibindi xa bebonke.

47. Huntshuu! Khul' ud' ukhokhobe, Ndikhoyo!Mawubongwe wena mkhuseli wam,Thixo ongumhlanguli wam!

48. Wena undoyisela iintshaba zam;wena ugoba iintlanga zindikhahlele;

49. wena undihlangulakwabandichasayo!Ewe, undoyisele iintshaba zam,wandikhusela kubaphalazi-gazi.

50. Ngoko ke ndiya kukubonga phakathi kwezizwe,ndityibele ndivuma umbongo wakho, Ndikhoyo.

2 Kasamweli 22