4. Ndithi ndakukhala kuNdikhoyo,asuke andithi hlasi kwiintshaba zam.Ngenene, makabongwe uNdikhoyo!
5. Bendintlithwa ngamaza abulalayo,amaza arhaxayo endigubungele.
6. Ukufa bekundirhangqile,ingcwaba selivuleke lithe ng'aa.
7. Ndazibika kuNdikhoyo ndikuloo ngxingongo;ewe, ndabiza kuThixo wam.Wandiva engqendeve kwibhotwe lakhe,savakala kuye isikhalo sam.
8. Suka wagungqa wanyikima umhlaba,isibhakabhaka sangcangcazela,kuba uThixo wayenomsindo.