2 Kasamweli 22:38-51 Ibhayibhile (XHO96)

38. Ndizisukela ndizoyise iintshaba zam;andijiki ndide ndizitshabalalise.

39. Ndizithi ntshinte-ntshinte zingavuki tu,ziqungquluze apha phambi kwam.

40. Undinika amandla edabini,undoyisele iintshaba zam.

41. Ziyandoyika iintshaba zam;abandithiyileyo ndibatshabalalisile.

42. Ziba ngafuna uncedo zingancedwa bani;ziba ngazibika kuNdikhoyo angaphenduli.

43. Mna ndizicumza zibe njengothuli,ndizinyhashe okodaka endleleni.

44. Wena wandihlangula ekuvukelweni ngamawethu,walimisa igunya lam elizweni,ndada ndaphatha nabo bendingabazi.

45. Ndikhahlelwa nangabasemzini abantu;bayandithobela bakuwuva umthetho wam.

46. Baphuma kwiinqaba zabo begubha,bephelelwe sisibindi xa bebonke.

47. Huntshuu! Khul' ud' ukhokhobe, Ndikhoyo!Mawubongwe wena mkhuseli wam,Thixo ongumhlanguli wam!

48. Wena undoyisela iintshaba zam;wena ugoba iintlanga zindikhahlele;

49. wena undihlangulakwabandichasayo!Ewe, undoyisele iintshaba zam,wandikhusela kubaphalazi-gazi.

50. Ngoko ke ndiya kukubonga phakathi kwezizwe,ndityibele ndivuma umbongo wakho, Ndikhoyo.

51. NguThixo omnika uloyiso ukumkani,amenzele izibele umthanjiswa wakhe,uDavide nayo yonke inzala yakhe kude kuse ephakadeni.

2 Kasamweli 22