23. Yonke imiyalelo yakhe ndiyigcinile;andayaphula imithetho yakhe.
24. Uyandazi ukuba andonanga;ndiyazilumla ekwenzeni ububi.
25. Ngoko ke uyandivuza kuba ndisenza okulungileyo;uyandivuza kuba akukho sikhwa kum.
26. Uthembekile, Ndikhoyo, kwabo bathembekileyo;ubenzela ububele abo bandlela zithe tse.
27. Umsulwa kwabo bamsulwa;uchasene nabo bangamatshijolo.
28. Ungumsindisi wabathobekileyo,obabone benekratshi ubathobe.
29. Usisibane sokundikhanyisela, wena Ndikhoyo;nguwe ondigxothela ubumnyama.
30. Ewe, ngawe ndingawuchitha-chitha nomkhosi,ngamandla akho ndilutsibe nongqameko lwawo.