2 Kasamweli 22:2-15 Ibhayibhile (XHO96)

2. Wathi:NguNdikhoyo iliwa lam;nguye inqaba yam;nguye umkhuseli wam.

3. Xa ndizimele ngoThixo wam ndihlala ndikhuselekile.Nguye ikhaka lam;nguye ondigcina ndifihlakele.Nguye inqaba yam ephakamileyo;nguye isikhundla sam sokuzimela.Mhlanguli wam, nguwe ondisindisayo kumadoda anogonyamelo.

4. Ndithi ndakukhala kuNdikhoyo,asuke andithi hlasi kwiintshaba zam.Ngenene, makabongwe uNdikhoyo!

5. Bendintlithwa ngamaza abulalayo,amaza arhaxayo endigubungele.

6. Ukufa bekundirhangqile,ingcwaba selivuleke lithe ng'aa.

7. Ndazibika kuNdikhoyo ndikuloo ngxingongo;ewe, ndabiza kuThixo wam.Wandiva engqendeve kwibhotwe lakhe,savakala kuye isikhalo sam.

8. Suka wagungqa wanyikima umhlaba,isibhakabhaka sangcangcazela,kuba uThixo wayenomsindo.

9. Kwathi phoko umsi emathatheni akhe,walephuza amadangatye ngomlomo,kuliqika amalahle avuthayo.

10. Wasikrazula isibhakabhakawehla engqendeve phezu kwelifu elimnyama.

11. Wandanda ngenqwelo *yezithunyw' ezimaphiko,itshebeleza ngesantya emoyeni.

12. Wayethiwe gqume sisithokothoko,kumnyama thsu;engqingwe ziingqimba zamafu anemvula,

13. kutshawuza imibane ngaphambi kwakhe,kunga kuvutha amalahle.

14. Wazongoma esibhakabhakeni uNdikhoyo,lavakala ilizwi loPhezukonke.

15. Wadubula ngeentolo zakhe,zee qhu saa iintshaba,eziswantsulisa ngokugqekreza kwemibane.

2 Kasamweli 22