2 Kasamweli 20:4-7 Ibhayibhile (XHO96)

4. UDavide wathi kuAmasa: “Wabize amadoda akwaJuda eze apha zingadlulanga iintsuku ezintathu.”

5. Wahamba uAmasa, esiya kubiza amaJuda, kodwa akabuya ngosuku awayemiselwe lona ngukumkani.

6. Uvakele esithi ukumkani kuAbhishayi: “Phofu uyaqonda na ukuba uShebha unyana kaBhikri uza kusenzela ingxwaba-ngxwaba nangaphezu koAbhasalom. Hamba nala madoda omkhosi wam, nimlandele engekayi kwiidolophu ezinqatyisiweyo, asithele emehlweni ethu.”

7. Asuka ke amadoda ebutho likaJowabhi, nabalindi abangamaKreti namaPleti, nawo onke amagorha, anduluka eJerusalem, alanda ekhondweni likaShebha unyana kaBhikri.

2 Kasamweli 20