2 Kapetros 2:15-22 Ibhayibhile (XHO96)

15. Bayilahlile eyona ndlela, baza bahola. Bona bahamba ngendlela kaBhalam unyana kaBhehore owakhetha ukona, khon' ukuze azuze imali;

16. nto leyo yenza ukuba akhalinyelwe. Ewe, kaloku idonki yathetha ngelizwi lomntu ukugxotha ububhanxa baloo mshumayeli.

17. Aba bafundisi bafana nemithombo engampompozi manzi; bafana namafu aqhutywa luqhwithela. Indawo abalungiselelwe yona sisithokothoko senzonzobila.

18. Banamabhongo, futhi bathetha amazwi aphuthileyo, baze bathi ngemikhuba yabo yokuzibhubhisa beyelisele abantu abangekaphuncuki kakuhle kwiindlela ezigwenxa.

19. Babathembisa inkululeko, kodwa bona ngokwabo basabopheleleke kwimikhwa yokuzibhubhisa. Kaloku umntu uba likhoboka layo nayiphi na into angalumlekiyo kuyo.

20. Ukuba abantu bathe ngokwazana neNkosi yethu uYesu Krestu baphuncuka kwizidyobho zehlabathi, baze baphinde babuyele kwakuzo zibakhoboze, isiphelo sabo sibi kunesiqalo.

21. Ngekubhetele ukuba babengayazanga eyona ndlela, kunokuba bathi sebeyifumene bajike, bawulahle umyalelo kaThixo ababewunikiwe.

22. Kwabanjalo ke liyinene iqhalo elithi: “Inja ibuyele umhlanzo wayo; ihagu ehlanjiweyo ibuye yazityikitya eludakeni.”

2 Kapetros 2