8. Xa ninazo ngokwaneleyo, zisanda ngokwanda ezi zinto, zonenza nikhuthale nivelise neziqhamo, nazane nokwazana ngenene neNkosi yethu uYesu Krestu.
9. Kaloku umntu ongenazo ezi mpawu, yimfama, ubona kufuphi, uyalibala nokuba izono zakhe zangaphambili sewazixolelwa.
10. Ngoko ke, mawethu, kulangazeleleni ngakumbi ukuqinisekiswa kokubizwa nokunyulwa kwenu nguThixo. Kaloku ukuba niyayenza loo nto, aninakuze niwe konke.
11. Leyo yindlela eniya kungena ngayo ekuxhamleni ubuncwane bokulawulwa amaxesha onke yiNkosi noMsindisi wethu uYesu Krestu.
12. Ngenxa yaloo nto ke, ndiya kusoloko ndinikhumbuza ezi zinto, naxa nizaziyo nje, nisekelwe ngokuthe nkqi enyanisweni leyo ninayo.
13. Ndiba yimfanelo yam, lo gama ndisaphilayo, ukuba ndinikhwezele ngokumana ndinikhumbuza.
14. Kaloku ndiyazi ukuba sendiza kuwushiya lo mhlaba. Sele wandazisayo kaloku uYesu Krestu iNkosi.
15. Ndaye ndiza kwenza indlela yokuba nihlale nizikhumbula ezi zinto naxa ndingasekhoyo.
16. Ngokuya sasinixelela ngamandla eNkosi yethu uYesu Krestu nangokuza kwayo, sasinganenzeli ntsomi emini. Isihomo nesithozela sayo sasibona ngala wethu amehlo.
17. Ngokuya yayinikwa iwonga nobuqaqawuli nguThixo uYise sasikho. Sasikho naxa kwakuvakala ilizwi livela kuSobuqaqawuli, lisithi: “Lo nguNyana wam oyintanda, ondikholisayo.”
18. Leviwa sithi aba elo lizwi lalivela ezulwini, sikunye naye uYesu phezu kwaloo ntaba ingcwele.