5. Ngenxa yaloo nto ke kufuneka nenze unako-nako ukongezelela ukholo ngesidima, nesidima ngengqiqo,
6. ingqiqo ngokuzeyisa, nokuzeyisa ngonyamezelo, unyamezelo ngembeko,
7. nembeko ngokuhlobana, nokuhlobana ngokuthanda abantu bonke.
8. Xa ninazo ngokwaneleyo, zisanda ngokwanda ezi zinto, zonenza nikhuthale nivelise neziqhamo, nazane nokwazana ngenene neNkosi yethu uYesu Krestu.
9. Kaloku umntu ongenazo ezi mpawu, yimfama, ubona kufuphi, uyalibala nokuba izono zakhe zangaphambili sewazixolelwa.
10. Ngoko ke, mawethu, kulangazeleleni ngakumbi ukuqinisekiswa kokubizwa nokunyulwa kwenu nguThixo. Kaloku ukuba niyayenza loo nto, aninakuze niwe konke.
11. Leyo yindlela eniya kungena ngayo ekuxhamleni ubuncwane bokulawulwa amaxesha onke yiNkosi noMsindisi wethu uYesu Krestu.
12. Ngenxa yaloo nto ke, ndiya kusoloko ndinikhumbuza ezi zinto, naxa nizaziyo nje, nisekelwe ngokuthe nkqi enyanisweni leyo ninayo.