2 Kapetros 1:3-17 Ibhayibhile (XHO96)

3. Ngamandla akhe uThixo usenzele zonke izinto eziyimfuneko ebomini, ukuze siziphathe ngokwentando yakhe; nokuze sazane nalowo usibizileyo, khon' ukuze sibuxhamle ubuqaqawuli nesidima sakhe.

4. Ezi zipho zisisiqinisekiso sezinto ezinkulu nezimangalisayo asenzela zona: uThixo usenza sibe nenxaxheba kubomi bakhe, sikuphephe ukonakaliswa lihlabathi elikhohlakeleyo.

5. Ngenxa yaloo nto ke kufuneka nenze unako-nako ukongezelela ukholo ngesidima, nesidima ngengqiqo,

6. ingqiqo ngokuzeyisa, nokuzeyisa ngonyamezelo, unyamezelo ngembeko,

7. nembeko ngokuhlobana, nokuhlobana ngokuthanda abantu bonke.

8. Xa ninazo ngokwaneleyo, zisanda ngokwanda ezi zinto, zonenza nikhuthale nivelise neziqhamo, nazane nokwazana ngenene neNkosi yethu uYesu Krestu.

9. Kaloku umntu ongenazo ezi mpawu, yimfama, ubona kufuphi, uyalibala nokuba izono zakhe zangaphambili sewazixolelwa.

10. Ngoko ke, mawethu, kulangazeleleni ngakumbi ukuqinisekiswa kokubizwa nokunyulwa kwenu nguThixo. Kaloku ukuba niyayenza loo nto, aninakuze niwe konke.

11. Leyo yindlela eniya kungena ngayo ekuxhamleni ubuncwane bokulawulwa amaxesha onke yiNkosi noMsindisi wethu uYesu Krestu.

12. Ngenxa yaloo nto ke, ndiya kusoloko ndinikhumbuza ezi zinto, naxa nizaziyo nje, nisekelwe ngokuthe nkqi enyanisweni leyo ninayo.

13. Ndiba yimfanelo yam, lo gama ndisaphilayo, ukuba ndinikhwezele ngokumana ndinikhumbuza.

14. Kaloku ndiyazi ukuba sendiza kuwushiya lo mhlaba. Sele wandazisayo kaloku uYesu Krestu iNkosi.

15. Ndaye ndiza kwenza indlela yokuba nihlale nizikhumbula ezi zinto naxa ndingasekhoyo.

16. Ngokuya sasinixelela ngamandla eNkosi yethu uYesu Krestu nangokuza kwayo, sasinganenzeli ntsomi emini. Isihomo nesithozela sayo sasibona ngala wethu amehlo.

17. Ngokuya yayinikwa iwonga nobuqaqawuli nguThixo uYise sasikho. Sasikho naxa kwakuvakala ilizwi livela kuSobuqaqawuli, lisithi: “Lo nguNyana wam oyintanda, ondikholisayo.”

2 Kapetros 1