54. Uthe ke uSolomon akuyiphetha le mithandazo nezi zikhungo wayezenza *kuNdikhoyo, suka waphakama apho phambi kweqonga likaNdikhoyo, apho wayeguqe khona, izandla zakhe eziphakamisele ezulwini.
55. Wema ngoku, wayithamsanqela yonke loo ndimbane yebandla likaSirayeli. Ewe, wadanduluka ekhwaza esithi:
56. “Makabongwe uNdikhoyo obathe jize ngenzolo abantu bakhe amaSirayeli, kanye ngokwesithembiso sakhe. Akukho nalinye ilizwi elifadaleleyo kuzo zonke izithembiso ezilungileyo awazenza ngesicaka sakhe uMosis.
57. Ngamana ke uNdikhoyo uThixo wethu waba nathi kwanjengokuba wayenabo noobawo; ngamana akangesishiyi okanye asilahle.
58. Ngamana waziguqulela kuye iintliziyo zethu, ukuze sihambe ngazo zonke iindlela zakhe, siyigcine imithetho nemimiselo nemiqathango yakhe awayinika oobawo.
59. “Nala mazwi ndiwathetha ndithandaza phambi koNdikhoyo, ngamana ahlala ekufuphi imini nobusuku bayo kuNdikhoyo uThixo wethu, ukuze asigwebele isicaka sakhe, abagwebele nabantu bakhe amaSirayeli, loo nto ayenze ngokweemeko zemini nganye,
60. khon' ukuze zonke izizwe zehlabathi ziqonde ukuba uNdikhoyo nguThixo, akukho wumbi ngaphandle kwakhe.
61. Kambe ke nina iintliziyo zenu maziphelelise ukubambelela kuNdikhoyo uThixo wethu, niziphathe ngokwezimiso zakhe, nemithetho yakhe niyithobele njenganamhlanje.”
62. Ke ukumkani ndawonye noSirayeli ephela benzela *uNdikhoyo amadini.
63. USolomon wenzela uNdikhoyo idini lobudlelwane ngeenkomo ezingamawaka angamashumi amabini anambini, kunye neegusha neebhokhwe ezilikhulu elinamashumi amabini amawaka. Ngaloo ndlela ke ukumkani nawo onke amaSirayeli bayivula beyinikela indlu kaNdikhoyo.
64. Kwangaloo mini ke ukumkani wawungcwalisa umbindi wenkundla ephambi kwendlu kaNdikhoyo, waza khona apho wenza amadini atshiswayo, aweenkozo, kunye namanqatha alidini lobudlelwane. Kaloku elo qonga lobhedu likaNdikhoyo lalilincinci, lingawalingene amadini atshiswayo, iminikelo yeenkozo namadini obudlelwane enziwa ngamanqatha.