48. xa babuyela kuwe ngomxhelo wabo wonke nentliziyo yabo iphela bekwelo lizwe leentshaba ezibathimbileyo, bethandaza bebhekisa kweli lizwe walinika ooyise, kwesi sixeko wasinyulayo, nakule ndlu ndiyakhele igama lakho,
49. yithi ke wena usekhayeni lakho ezulwini, uwuve umthandazo wabo nesikhungo sabo, ubagwebele.
50. Ewe kaloku, uze ubaxolele abantu bakho abakonileyo, uzixolele zonke iziphoso zabo ngakuwe, wenze ukuba abo babathimbileyo babe nenceba kubo.
51. Kaloku aba bantu ngabakho ncakasana, balilifa lakho owalikhuphulula eJiputa kwelo ziko lokunyibilikisa isinyithi.
52. “Ngamana waneliso ekuzibikeni kwesicaka sakho nakuzo izikhungo zabantu bakho amaSirayeli; ewe, akwaba ungabaphulaphula nanini na bezibika kuwe.
53. Kaloku wena wabatyumba phakathi kwazo zonke izizwe zehlabathi, ukuze babe lilifa lakho, nanjengoko watshoyo ngomlomo wesicaka sakho uMosis, ngokuya wena, Nkosi Ndikhoyo, wawukhulula oobawo kwelaseJiputa.”
54. Uthe ke uSolomon akuyiphetha le mithandazo nezi zikhungo wayezenza *kuNdikhoyo, suka waphakama apho phambi kweqonga likaNdikhoyo, apho wayeguqe khona, izandla zakhe eziphakamisele ezulwini.
55. Wema ngoku, wayithamsanqela yonke loo ndimbane yebandla likaSirayeli. Ewe, wadanduluka ekhwaza esithi:
56. “Makabongwe uNdikhoyo obathe jize ngenzolo abantu bakhe amaSirayeli, kanye ngokwesithembiso sakhe. Akukho nalinye ilizwi elifadaleleyo kuzo zonke izithembiso ezilungileyo awazenza ngesicaka sakhe uMosis.
57. Ngamana ke uNdikhoyo uThixo wethu waba nathi kwanjengokuba wayenabo noobawo; ngamana akangesishiyi okanye asilahle.
58. Ngamana waziguqulela kuye iintliziyo zethu, ukuze sihambe ngazo zonke iindlela zakhe, siyigcine imithetho nemimiselo nemiqathango yakhe awayinika oobawo.
59. “Nala mazwi ndiwathetha ndithandaza phambi koNdikhoyo, ngamana ahlala ekufuphi imini nobusuku bayo kuNdikhoyo uThixo wethu, ukuze asigwebele isicaka sakhe, abagwebele nabantu bakhe amaSirayeli, loo nto ayenze ngokweemeko zemini nganye,
60. khon' ukuze zonke izizwe zehlabathi ziqonde ukuba uNdikhoyo nguThixo, akukho wumbi ngaphandle kwakhe.
61. Kambe ke nina iintliziyo zenu maziphelelise ukubambelela kuNdikhoyo uThixo wethu, niziphathe ngokwezimiso zakhe, nemithetho yakhe niyithobele njenganamhlanje.”
62. Ke ukumkani ndawonye noSirayeli ephela benzela *uNdikhoyo amadini.