44. “Nabantu bakho xa bathe baya emfazweni besilwa neentshaba zabo, noba ubathumela phi na, mabathi bakuthandaza kuwe bebhekisa kule ndlu ndiyakhele igama lakho kwesi sixeko osinyulileyo,
45. yithi ke wena usezulwini uwuve umthandazo nesikhungo sabo, ubagwebele.
46. “Xa bathe bakona (kaloku akukho mntu ungoniyo) waza ke wena wakhathazeka, wabanikela elutshabeni, luze ke lona lubathimbe, luye nabo kwilizwe lalo, nokuba kukude okanye kukufuphi,
47. xa bathe baguquka bazisola kwelo lizwe bathinjelwe kulo, ewe, xa beguquka bezibika kuwe belapho kwelo lizwe labeyisi babo, besithi: ‘Ewe, sonile, senze ububi nenkohlakalo,’
48. xa babuyela kuwe ngomxhelo wabo wonke nentliziyo yabo iphela bekwelo lizwe leentshaba ezibathimbileyo, bethandaza bebhekisa kweli lizwe walinika ooyise, kwesi sixeko wasinyulayo, nakule ndlu ndiyakhele igama lakho,
49. yithi ke wena usekhayeni lakho ezulwini, uwuve umthandazo wabo nesikhungo sabo, ubagwebele.
50. Ewe kaloku, uze ubaxolele abantu bakho abakonileyo, uzixolele zonke iziphoso zabo ngakuwe, wenze ukuba abo babathimbileyo babe nenceba kubo.
51. Kaloku aba bantu ngabakho ncakasana, balilifa lakho owalikhuphulula eJiputa kwelo ziko lokunyibilikisa isinyithi.
52. “Ngamana waneliso ekuzibikeni kwesicaka sakho nakuzo izikhungo zabantu bakho amaSirayeli; ewe, akwaba ungabaphulaphula nanini na bezibika kuwe.
53. Kaloku wena wabatyumba phakathi kwazo zonke izizwe zehlabathi, ukuze babe lilifa lakho, nanjengoko watshoyo ngomlomo wesicaka sakho uMosis, ngokuya wena, Nkosi Ndikhoyo, wawukhulula oobawo kwelaseJiputa.”
54. Uthe ke uSolomon akuyiphetha le mithandazo nezi zikhungo wayezenza *kuNdikhoyo, suka waphakama apho phambi kweqonga likaNdikhoyo, apho wayeguqe khona, izandla zakhe eziphakamisele ezulwini.
55. Wema ngoku, wayithamsanqela yonke loo ndimbane yebandla likaSirayeli. Ewe, wadanduluka ekhwaza esithi:
56. “Makabongwe uNdikhoyo obathe jize ngenzolo abantu bakhe amaSirayeli, kanye ngokwesithembiso sakhe. Akukho nalinye ilizwi elifadaleleyo kuzo zonke izithembiso ezilungileyo awazenza ngesicaka sakhe uMosis.
57. Ngamana ke uNdikhoyo uThixo wethu waba nathi kwanjengokuba wayenabo noobawo; ngamana akangesishiyi okanye asilahle.
58. Ngamana waziguqulela kuye iintliziyo zethu, ukuze sihambe ngazo zonke iindlela zakhe, siyigcine imithetho nemimiselo nemiqathango yakhe awayinika oobawo.
59. “Nala mazwi ndiwathetha ndithandaza phambi koNdikhoyo, ngamana ahlala ekufuphi imini nobusuku bayo kuNdikhoyo uThixo wethu, ukuze asigwebele isicaka sakhe, abagwebele nabantu bakhe amaSirayeli, loo nto ayenze ngokweemeko zemini nganye,
60. khon' ukuze zonke izizwe zehlabathi ziqonde ukuba uNdikhoyo nguThixo, akukho wumbi ngaphandle kwakhe.