1 Yookumkani 8:30-45 Ibhayibhile (XHO96)

30. Zibazele iindlebe izikhungo zesicaka sakho ndawonye nabantu bakho amaSirayeli xa umthandazo wabo bewubhekisa kule ndawo. Yiva wena usekhayeni lakho ezulwini; ewe, yiva, uvile uxolele.

31. “Xa umntu ethe wona ummelwane wakhe, kwaza ke kwafuneka enze isifungo, waza ke yena weza kufunga kule ndlu phambi kweqonga lakho,

32. wena ke yiva usezulwini, usebenze ngaloo nto. Uze ugwebe phakathi kwezicaka zakho, umsingele phantsi onetyala, umohlwaye ngokufanele isenzo sakhe. Uze umgwebele umntu omsulwa, khon' ukuze aphuhle ukuba umsulwa.

33. “Xa abantu bakho amaSirayeli ethe oyiswa lutshaba ngenxa yokuba ekonile wena, makathi akubuyela kuwe ebula, evuma igama lakho, ethandaza, esenza isikhungo kuwe kuyo le ndlu,

34. wena ke yiva usezulwini, usixolele isono sabantu bakho amaSirayeli, uwabuyisele kulo mhlaba wawunika ooyise.

35. “Xa amazulu athe avaleka, ayabikho imvula, kuba abantu bakho bekonile, mabathi xa bathe babhekisa kule ndawo ngomthandazo, bevuma igama lakho, bezishiya nezono zabo kuba wena ubabandezele –

36. wena ke, yiva usezulwini, usixolele isono sezicaka zakho, abantu bakho amaSirayeli. Uze ubafundise indlela efanelekileyo yokuziphatha, ulithi jize ngemvula ilizwe elililifa owalinika abantu bakho.

37. “Xa kuthe kwakho indlala nokuba ngubhubhani kweli lizwe, okanye kubekho isihlava, isihumba, iinkumbi, iintotoviyane, okanye xa abantu bakho bathe bangqingwa lutshaba nakusiphi na kwizixeko zabo, ukanti nokuba sisiphi na isithwakumbe okanye isifo esibafikeleyo,

38. makuthi xa kukho nawuphi na kubantu bakho othandazayo ekhunga ngenxa yokubandezeleka kwentliziyo yakhe, nezandla zakhe eziphakamisela kule ndlu,

39. wena ke yiva usekhayeni lakho ezulwini. Ewe, xolela, ulowo nalowo umphathe ngokwezenzo zakhe, kuba wena uyayazi intliziyo yakhe. (Kaloku nguwe wedwa ozaziyo iintliziyo zabantu bonke.)

40. Ngaloo ndlela ke baya kukuhlonela ngalo lonke ixesha lokudla kwabo ubomi kulo mhlaba wawupha oobawo.

41. “Kanti ke nowasemzini ongenguye owabantu bakho amaSirayeli, kodwa ofike evela kwelikude ilizwe ngenxa yegama lakho –

42. kaloku abantu baya kuva ngodumo lwegama lakho nangamandla esandla sakho kunye nobungangamsha bengalo yakho – onjalo ke makathi akuza kuthandaza apha kule ndlu,

43. wena uve usekhayeni lakho ezulwini, owasemzini lo umenzele konke oko akucelayo kuwe, khon' ukuze zonke izizwe zehlabathi zilazi igama lakho, zikuhlonele kwanjengokuba bekuhlonela abantu bakho amaSirayeli. Ewe, ukuze ziqonde ukuba le ndlu ndiyakhileyo ibizwa ngegama lakho.

44. “Nabantu bakho xa bathe baya emfazweni besilwa neentshaba zabo, noba ubathumela phi na, mabathi bakuthandaza kuwe bebhekisa kule ndlu ndiyakhele igama lakho kwesi sixeko osinyulileyo,

45. yithi ke wena usezulwini uwuve umthandazo nesikhungo sabo, ubagwebele.

1 Yookumkani 8