1 Yookumkani 8:22-34 Ibhayibhile (XHO96)

22. Ke kaloku uSolomon wema phambi kweqonga *likaNdikhoyo, apho phambi kwaloo nginginya yebandla likaSirayeli, waza izandla zakhe waziphakamisela ezulwini,

23. wathi:“Ewe, Ndikhoyo, Thixo kaSirayeli, akakho uthixo onjengawe, nditsho ezulwini phezulu nasemhlabeni phantsi. Kaloku ungulowo uwugcinayo umnqophiso wakho wokuzithanda izicaka zakho ezithe rhoqo ngomxhelo wazo wonke ukuhamba ezindleleni zakho.

24. Nangoku ke usigcinile isithembiso sakho kwisicaka sakho uDavide ubawo. Wathembisa ngomlomo wakho; kunamhlanje-nje ke ufezekisile ngesandla sakho.

25. “Nangoku ke, Ndikhoyo, Thixo kaSirayeli, isicaka sakho uDavide ubawo khawumgcinele ezo zithembiso wamenzela zona usithi: ‘Akusoze ungabi nayo indoda yokuchopha phambi kwam kwisihlalo sokulawula sakwaSirayeli, ukuba kodwa oonyana bakho bathe bakunyamekela ngandlela zonke ukuba bahambe phambi kwam njengawe lo.’

26. Ewe, nangoku, Thixo kaSirayeli, ilizwi owalithethayo uthembisa isicaka sakho uDavide ubawo malifezeke.

27. “Kambe ke, ngaba uThixo angade ahlale emhlabeni? Hayi bo, kaloku namazulu, nditsho namazulu asemajuku-jukwini ngokwawo, akanako ukukuqulatha. Ibeke phi ke yona le ndlu ndiyakhileyo!

28. Nakuba kunjalo, Ndikhoyo, Thixo wam, wubekele iindlebe umthandazo wesicaka sakho esizibikayo kuwe. Kuve ukulila nokukhunga kwesicaka sakho esikubongozayo nakalokunje.

29. Ubusuku nemini ngamana amehlo akho athi ntsho kuyo le ndlu. Kaloku yile wathetha ngayo usithi: ‘Igama lam liya kuba kuyo;’ Ke ngoko wuphulaphule umthandazo esiya kuthi isicaka sakho siwubhekise kule ndawo.

30. Zibazele iindlebe izikhungo zesicaka sakho ndawonye nabantu bakho amaSirayeli xa umthandazo wabo bewubhekisa kule ndawo. Yiva wena usekhayeni lakho ezulwini; ewe, yiva, uvile uxolele.

31. “Xa umntu ethe wona ummelwane wakhe, kwaza ke kwafuneka enze isifungo, waza ke yena weza kufunga kule ndlu phambi kweqonga lakho,

32. wena ke yiva usezulwini, usebenze ngaloo nto. Uze ugwebe phakathi kwezicaka zakho, umsingele phantsi onetyala, umohlwaye ngokufanele isenzo sakhe. Uze umgwebele umntu omsulwa, khon' ukuze aphuhle ukuba umsulwa.

33. “Xa abantu bakho amaSirayeli ethe oyiswa lutshaba ngenxa yokuba ekonile wena, makathi akubuyela kuwe ebula, evuma igama lakho, ethandaza, esenza isikhungo kuwe kuyo le ndlu,

34. wena ke yiva usezulwini, usixolele isono sabantu bakho amaSirayeli, uwabuyisele kulo mhlaba wawunika ooyise.

1 Yookumkani 8