1 Yookumkani 8:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku ukumkani uSolomon wawabizela kuye eJerusalem onke amadoda amakhulu akwaSirayeli, bonke abaziintloko zezizwe, namadoda aziinkulu zezindlu zamaSirayeli, ukuze aye kuthatha ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo eZiyon, isixeko sikaDavide.

2. Onke ke amadoda akwaSirayeli aqokelelana kukumkani uSolomon ngexesha lombhiyozo kwinyanga yesixhenxe uEtanim.

3. Athe ke akuphelela amadoda amakhulu akwaSirayeli, ababingeleli bayithatha ityesi kaNdikhoyo,

4. kunye nentente yesibingelelo, nazo zonke izinto ezingcwele ezazikuyo. Ababingeleli nabaLevi bazithwala ezo zinto.

5. Ke yena ukumkani uSolomon nalo lonke ibandla likaSirayeli elaliqokelelene kuye babemi phambi kwetyesi, besenza amadini ngeegusha neenkomo ezininzi, inyambalala enganakubalwa.

6. Ababingeleli ke bayithatha ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo, bayisa endaweni yayo kwigumbi elingaphakathi endlwini kaThixo – ingcwele kangcwele – bayibeka phantsi kwamaphiko ezo *zithunywa zimaphiko.

7. Izithunywa ezo ke zawathi naa loo maphiko azo, zayigquma loo ndawo yayikuyo ityesi ndawonye namanqwanqwa okuyiphatha.

8. La manqwanqwa ke ayemade ngangokuba zazibonakala iziphelo zawo kumntu ophambi kwengcwele kangcwele, kambe ke zingabonakali kongaphandle kweyona ndawo ingcwele. Aselapho ke unanamhlanje.

1 Yookumkani 8