1. Ke kaloku ukumkani uSolomon wawabizela kuye eJerusalem onke amadoda amakhulu akwaSirayeli, bonke abaziintloko zezizwe, namadoda aziinkulu zezindlu zamaSirayeli, ukuze aye kuthatha ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo eZiyon, isixeko sikaDavide.
2. Onke ke amadoda akwaSirayeli aqokelelana kukumkani uSolomon ngexesha lombhiyozo kwinyanga yesixhenxe uEtanim.
3. Athe ke akuphelela amadoda amakhulu akwaSirayeli, ababingeleli bayithatha ityesi kaNdikhoyo,
4. kunye nentente yesibingelelo, nazo zonke izinto ezingcwele ezazikuyo. Ababingeleli nabaLevi bazithwala ezo zinto.
5. Ke yena ukumkani uSolomon nalo lonke ibandla likaSirayeli elaliqokelelene kuye babemi phambi kwetyesi, besenza amadini ngeegusha neenkomo ezininzi, inyambalala enganakubalwa.