45. iimbiza, iifotsholo, nezitya zokufefa.Zonke ke ezo zixhobo zazenziwe nguHuram ezenzela ukumkani uSolomon ukuze zisetyenziswe endlwini kaNdikhoyo zazenziwe ngobhedu olugudisiweyo.
46. Ezo zinto ukumkani wathi mazibunjwe ngezibumbi zomdongwe kwintili yeJordan phakathi kweSukoti neZaretan.
47. USolomon zange abulinganise ubunzima bezi zinto, kuba kaloku zazininzi gqitha. Ngoko ke ubunzima bobhedu zange bulinganiswe.
48. Kananjalo uSolomon wazenza zonke iimpahla zendlu kaNdikhoyo:iqonga lamadini legolide;itafile yegolide eyayihlala isonka esinikelwa kuThixo;
49. iziphatho-zibane ezenziwe ngegolide (ezihlanu ngasekunene, ezihlanu ngasekhohlo, zimi phambi kwegumbi eliyingcwele kangcwele);iintyatyambo, izibane, nezitya zokugcina imitya yezibane;
50. izitya zegolide, izikhwezeli-zibane, izitya zokufefa, izitya zesiqhumiso, neepani zamalahle;iihinjisi zegolide zegumbi eliyingcwele kangcwele, nezo zeengcango zegumbi elingaphandle.
51. Uthe ke wakufezeka loo msebenzi uSolomon awayewenzela indlu kaNdikhoyo, wazithatha zonke ezo zinto zazinikezelwe nguyise uDavide – isiliva, igolide, nezinye izinto zokusebenza – waza ke wazifaka koovimba bendlu kaNdikhoyo.