24. Ngaphantsi komphetho walo jikelele kwakukho amathangazana. La mathangazana ayeyimiqolo emibini, eyinto enye nechibi elo.
25. Eli chibi lalimi phezu kweenkunzi zeenkomo ezilishumi elinesibini ezenziwe ngobhedu, ezintathu zikhangele ngasentla, ezintathu zijonge ngasentshona, esintathu zikhangele ngasezantsi, zaza kananjalo ezintathu zajonga ngasempuma. Ichibi lalithe ngxishi phezu kwazo, izinqe zazo zijonge embindini walo.
26. Ububanzi balo babulingana nesandla, umphetho walo ufana nekomityi, kanye oku kwenyibiba edubuleyo. Lalingena iilitha ezingamawaka angamashumi amane.
27. Kananjalo uHuram wenza neshumi leenqwelo zobhedu, nganye kuzo iyimitha eneekota ezintathu ubude, bukwangako nobubanzi, ukuphakama kuyimitha enekota.
28. Ezi nqwelo zazenziwe ngolu hlobo: zazinamanqwanqwa anxityelelaniswe nezibonda.
29. Kuloo manqwanqwa phakathi kwezibonda kwakukho iingonyama, iinkunzi zeenkomo, *nezithunywa ezimaphiko. Ngaphezulu nangaphantsi kweengonyama nezo nkunzi zeenkomo kwakujinga izidanga ezixonxiweyo.
30. Inqwelo nganye yayinamavili amane obhedu, ikwaneasi yobhedu. Kwakukho isitya esixhaswe ngezibonda ezine. Ezo zibonda zazihonjiswe ngezidanga macala.
31. Ngaphezu kwesitya kwakukho indawo ekhamisileyo ingqukuva. Ngaphezu kwenqwelo yayivele isithuba seesentimitha ezimashumi mane anesihlanu, iziisentimitha ezilishumi elinesibhozo ukuhla. Yayikroliwe jikelele. Amanqwanqwa la wona ayengoono-ne abalinganayo, engekho ngqukuva.
32. La mavili mane ayephantsi kwaloo manqwanqwa, iiasi zamavili zinxibelelene nenqwelo. Ukuphakama kwevili ngalinye kwakuziisentimitha ezingamashumi amathandathu anesithandathu.
33. Amavili la ayefana neenqwelo zonke; iasi, umphetho, izibonda zazo, ngokunjalo neenafu, zonke zazizezobhedu.
34. Inqwelo nganye yayinezibonda ezine ezinxityelelwe apha ezikoneni emazantsi.
35. Inqwelo nganye yayibotshwe ngebhanti engqukuva apha emantla, ke yona iziisentimitha ezingamashumi amabini anambini jikelele. Izibonda ezaziyixhasile, ndawonye namacala, zazinxityelelaniswe nenqwelo ngobubanzi.
36. Kananjalo wakrola *izithunywa ezimaphiko, iingonyama, nemithi yesundu apho kwezo zibonda, nakuloo macala, naphi na apho kwakukho isithuba, kujikeleziswe nezidanga.