16. Ezi ntsika wazenzela iintloko ezingqukuva ngobhedu; nganye kuzo yayiziimitha ezimbini ezinekota ukuphakama.
17. Intloko yentsika nganye wayihombisa ngamatyathanga asixhenxe alukiweyo.
18. Wazenza ngolo hlobo ke iintsika, waza kwicala langentla kula matyathanga alukiweyo wafakelela imiqolo emibini yeerharnati zobhedu ezisixhenxe.
19. Ezi ntloko zingqukuva zezi ntsika zazimile okweenyibiba, ukuphakama zinganeno kweemitha ezimbini.
20. Phezu kwezi ntloko zezi ntsika zimbini ngentla kwalaa ndawo ibusitya malunga naloo mnxeba wetyathanga kwakukho amakhulu amabini eerharnati ziyimikrozo jikelele.
21. Ezi ntsika ke wazimilisela phambi komnyango wendlu kaThixo. Le ingasekhohlo wathi nguJakin, waza engasekunene wathi nguBhowazi.
22. Iintloko zazo zazimilise okweenyibiba. Waba ke njalo uyagqitywa umsebenzi weentsika.
23. Kananjalo wenza ichibi ngobhedu. Lalingqukuva, liziimitha ezimbini ezinekota ubunzulu, ububanzi buziimitha ezine ezinesiqingatha, laza ke laziimitha ezilishumi elinekota ukujikeleza.
24. Ngaphantsi komphetho walo jikelele kwakukho amathangazana. La mathangazana ayeyimiqolo emibini, eyinto enye nechibi elo.
25. Eli chibi lalimi phezu kweenkunzi zeenkomo ezilishumi elinesibini ezenziwe ngobhedu, ezintathu zikhangele ngasentla, ezintathu zijonge ngasentshona, esintathu zikhangele ngasezantsi, zaza kananjalo ezintathu zajonga ngasempuma. Ichibi lalithe ngxishi phezu kwazo, izinqe zazo zijonge embindini walo.
26. Ububanzi balo babulingana nesandla, umphetho walo ufana nekomityi, kanye oku kwenyibiba edubuleyo. Lalingena iilitha ezingamawaka angamashumi amane.