11. Bekusakhiwa ngamanye amatye phezu kwawo aqingqwe alungelelaniswa kunye nemiqadi yomsedare.
12. Iindonga zeyadi yebhotwe, kwanezeyadi ephakathi yendlu *kaNdikhoyo, kwanegunjana elilisango lendlu kaNdikhoyo, zazakhiwe ngemiqolo emithathu yamatye aqingqiweyo elandelwa ngumqolo omnye weplanga lomsedare, njalo ke ukunyuka.
13. Ukumkani uSolomon wathumela eTire ukuba kuyiwe kuthathwa uHuram,
14. onina wayengumhlolokazi wendlu kaNafetali, uyise engumTire. Lo mfo wayeyingcibi yezobhedu, elichule elinamava kuzo zonke izinto ezenziwa ngobhedu. Weza ke kukumkani uSolomon, wawenza wonke umsebenzi awunikiweyo.
15. Ke kaloku uHuram lo wabumba iintsika zobhedu ezimbini, inye iziimitha ezisibhozo ukuphakama, iziimitha ezintlanu nesiqingatha jikelele.
16. Ezi ntsika wazenzela iintloko ezingqukuva ngobhedu; nganye kuzo yayiziimitha ezimbini ezinekota ukuphakama.
17. Intloko yentsika nganye wayihombisa ngamatyathanga asixhenxe alukiweyo.
18. Wazenza ngolo hlobo ke iintsika, waza kwicala langentla kula matyathanga alukiweyo wafakelela imiqolo emibini yeerharnati zobhedu ezisixhenxe.
19. Ezi ntloko zingqukuva zezi ntsika zazimile okweenyibiba, ukuphakama zinganeno kweemitha ezimbini.
20. Phezu kwezi ntloko zezi ntsika zimbini ngentla kwalaa ndawo ibusitya malunga naloo mnxeba wetyathanga kwakukho amakhulu amabini eerharnati ziyimikrozo jikelele.
21. Ezi ntsika ke wazimilisela phambi komnyango wendlu kaThixo. Le ingasekhohlo wathi nguJakin, waza engasekunene wathi nguBhowazi.
22. Iintloko zazo zazimilise okweenyibiba. Waba ke njalo uyagqitywa umsebenzi weentsika.
23. Kananjalo wenza ichibi ngobhedu. Lalingqukuva, liziimitha ezimbini ezinekota ubunzulu, ububanzi buziimitha ezine ezinesiqingatha, laza ke laziimitha ezilishumi elinekota ukujikeleza.
24. Ngaphantsi komphetho walo jikelele kwakukho amathangazana. La mathangazana ayeyimiqolo emibini, eyinto enye nechibi elo.