1 Yookumkani 6:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku ngonyaka wamakhulu amane namashumi asibhozo ephumile amaSirayeli eJiputa, xa kanye uSolomon wayekunyaka wesine elawula amaSirayeli, ngenyanga yesibini uZivi, waqalisa ukuyakha indlu *kaNdikhoyo.

2. Le ndlu kaNdikhoyo wayakhayo ke uSolomon ngaphakathi ubude bayo babuziimitha ezingamashumi amabini anesixhenxe; zazilithoba ububanzi, ukuphakama zilishumi elinesithathu nesiqingatha.

3. Igumbi lesango laliziimitha ezine ezinesiqingatha ubude, ububanzi iziimitha ezilithoba, ububanzi bulingana nobendlu ngokwayo.

4. Le ndlu ke wayenzela iifestile ezinamanqwanqwa asondeleneyo.

5. Ngaphandle phaya wakha umgangatho owayame eludongeni, ujikeleza igumbi eliphambili neliphakathi, waza wakha neminye imigangatho phezu kwawo.

6. Kumgangatho ophantsi igumbi laliziimitha ezimbini ezinesiqingatha ububanzi; elomgangatho ophakathi laliziimitha ezintathu ububanzi; ke lona elokugqibela liziimitha ezintathu ezinesiqingatha ububanzi. Kumgangatho ngamnye udonga lwale ndlu lwalunciphile kunalo mgangatho ungaphantsi. Ngaloo ndlela ke amagumbi la ayexhathise ngodonga, imiqadi yawo inganxibelelananga neendonga ezi.

7. Xa yakhiwayo ke le ndlu amatye ayo ayeqingqelwa kulaa ndawo athathwa kuyo. Ngaloo ndlela ke kwakungasetyenziswa sando nasixozi okanye nasiphi na esinye isixhobo esingxolayo sentsimbi apho kweso siza kwakusakhiwa kuso.

8. Isango lomgangatho wangaphantsi lalikwicala langasezantsi kule ndlu; kanti ke ukuphuma apho yayingumchankcatho okhokelela kumgangatho wesibini, uphuma khona uye kowesithathu.

9. Ke uSolomon wayakha indlu leyo wayigqiba, waza wayixhoma ngemiqadi namaplanga omsedare.

10. Umgangatho owayame eludongeni wawuziimitha ezimbini ezinesiqingatha ukuphakama unxityelelaniswe nendlu ngemiqadi yomsedare.

11. Ke kaloku lafika ilizwi likaNdikhoyo kuSolomon lisithi:

12. “Ngokusingisele kule ndlu uyakhayo, ukuba uthe wahamba ngemimiselo yam, wawenza amasiko am, wayigcina yonke imithetho yam wahamba ngayo, ndosifezekisa ngawe isithembiso endasenza kuyihlo uDavide.

1 Yookumkani 6