1 Yookumkani 4:3-12 Ibhayibhile (XHO96)

3. uElihorefe noAhiya oonyana bakaShisha – oonobhala;uJoshafati unyana ka-Ahiludi – usiba-khulu;

4. uBhenaya unyana kaJoyada – injengele;uZadoki noAbhiyatare – ababingeleli;

5. uAzariya unyana kaNatan – umaqhuzu kubalawuli bezithili;uZabhude unyana kaNatan – umbingeleli nomcebisi kakumkani;

6. uAhisha – umaqhuzu wasebhotwe;uAdoniram unyana ka-Abheda – induna-nkulu yabasebenzi abasebenza ngokunyanzelwa.

7. USolomon ke wayenabalawuli-zithili abalishumi elinambini apho kuSirayeli ephela. Bona ke babexhasa ukumkani nekomkhulu ngokudla. Kunyaka ngamnye isithili sasithatha inyanga yonke sixhasa.

8. Nanga amagama abo:Kumhlaba weenduli zakwaEfrayim yayinguBhen-yuri;

9. eMakaze, eShalabhim, eBhete-shemeshe, nase-Elon-bhete-hanan yayinguBhen-dekere;

10. eArubhati (iSoko nayo yonke imimandla yaseHefere) yayinguBhen-rhesedi;

11. eNafoti-dore yayinguBhen-abhinadabhi, umyeni kaTafati intombi kaSolomon;

12. eTanaki, naseMegido, neBhete-shan xa iyonke malunga neZaretan ngezantsi kweYizereli, ukusuka eBhete-shan ukuya eAbhele-mehola ngaphesheya kweYokemeyam, yayinguBhanaya unyana ka-Ahiludi;

1 Yookumkani 4